ISEBE LEMICIMBI YEZEKHAYA
Fumana iSazisi esinomQondiso uphose ivoti yakho
IMPEMBELELO YESAZISI
INGABA UMTHETHO OYILWAYO UFUNA NTONI?
IMICIMBI
UmThetho oYilwayo uqulathe amacala abaluleke kakhulu njenga xa unyulo funeke lumemeze abo bafaneleke ukuvota, abo banokulwela unyulo kunye neemfuno kwakunye neevoti ezizodwa zabanye abantu.
Amanye wamalungiselelo womThetho oYilwayo achazwe ngasezantsi.
UMongameli uza kumemezela unyulo phambi kokuphela kwexesha elimisiweyo lika Rhulumente.
Bonke abemi boMzantsi Afrika abaminyaka ilishumi elinesibhozo nangaphezulu abangaphakathi elizweni bayakuvunyelwa bavote. Oku kukhuphela ngaphandle abantu abangazinzanga, abaphazamiseke ngengqondo okanye ababanjwe phantsi komThetho weMpilo yeNgqondo. Abo Bantu babanjelwe ulwaphulo-mthetho oluyingozi nabo abayikuvunyelwa bavote.
Amalungiselelo awodwa enziwe okuvota. Oku kuvota kukodwa kwenzelwe abantu abanezizathu ezichongiweyo, abangenakho ukuzivotela. Isitafu sokuzakuza neentsapho sazo ezithunyelwe phesheya ziya kuvunyelwa zivote ngexesha lonyulo. Olunye udidi lovoto olulodwa lunyulo labasebenzi ababandakanya imikhosi yokhuselo kaRhulumente, phakathi kwamanye amapolisa nemikhosi yokhuselo. Amalungiselelo awodwa okuvota ayasebenza nakwabalimeleyo, abakhokhobayo, abadala nabakhulelweyo nabo abanakho ukufikelela kumaziko okuvota ngenxa yobulwelwe.
INKQUBO
UmThetho oYilwayo wenza amalungiselelo okubhaliswa kwabavoti kwakunye nokuqulunkqa uluhlu lwabavoti. Ubhaliso lwabavoti abafanelekileyo luza kuqhubekeka. Xa umntu ebhalise njengomvoti, inkcukacha zakhe ziza kuqinisekiswa malungana nobhaliso loluntu oluphezulu olugcinwe liSebe lemiCimbi yezeKhaya.
Emva kwempumelelo yokuqinisekiswa kweenkcukacha, igama lakhe liya kubandakanywa kuluhlu lwabavoti. Onke loo magama akuluhlu lokuvota aya kuba nakho ukuvota ngosuku lonyulo oluya kumiselwa nguMongameli.
IIMFUNO
Ukuze uvote, abantu funeka babe neSazisi esinomQondiso. Olu lulo kuphela uxwebhu oluvumelekileyo njengoko kuchaziwe kumThetho oYilwayo woNyulo ka-1998.
Abantu abangenaso iSazisi esinomQondiso fanele benze izicelo zeSazisi esinomQondiso yaye fanele benze isicelo sesiqinisekiso sesazisi sethutyana ngaxesha nye.
Isiqinisekiso sesazisi sethutyana silungele kuphela iinyanga ezilishumi elinambini yaye singasetyenziswa ukubhalisa umvoti ngexesha iSebe lemiCimbi yezeKhaya lisenza iSazisi.
Esi siqinisekiso sesazisi sethutyana sineenkcukacha zomceli: inombolo yeSazisi kwakunye nefoto yomceli.
Isiqinisekiso sesazisi sethutyana siza kukhutshwa kwithutyana leyure ezingamashumi amabini anesine ngaphandle kwakwi ndawo apho kungekho zikhompyutha. Kwizehlo ezinje, siza kukhutshwa xa kubuye iqela elishukumayo kwindawo apho isicelo sasenziwe khona.
Kwamanye amaphondo, iiforamu zemiCimbi yezeKhaya ibunjiwe ukuncedisa iSebe emsebenzini walo. Ezi foramu funeka zinikwe uncedo.
Ulwazi lovoto lweqela labantu abanxibe iyunifom / amaqela azithandeleyo / amaqela asebenzayo ukuncedisa kwimpembelelo yesazisi . AbaPhathiswa bayacelwa baqinisekise ukuba umsebenzi wokuzithandela unikelwa kwiSebe lemiCimbi yezeKhaya. Kwesi sehlo, bonke abazithandeleyo fanele babhalise nemiCimbi yezeKhaya yaye fanele bamelwe nini. Baza kuqeqeshwa liSebe lemiCimbi yezeKhaya banikeze iinkonzo zabo ngokungenakhethe, ngendlela engenapolitiki nangaphandle komvuzo. Baza kufuneka ekuncediseni ukugcwalisa iifomu, iminwe yabaceli nasekuqinisekiseni ukuba zonke imfuno ziyafikelelwa, umz. ulungiselelo lweziqinisekiso zokuzalwa, njl-njl.
AbaPhathiswa bayacelwa banxibelelane nabameli besebe kwindawo zabo basebenze iqhinga phandle olokuba banganceda njani, yaye bathethe ukuzithandela kwimiboniso yeencoko zikanomathotholo kwindawo zabo apho banokunikezela ngolwazi kuphembelelo lweSazisi.
Ukwenziwa kweZazisi kuthatha ixesha leeveki ezisibhozo.
Apho isiqinisekiso sokuzalwa singekho, nceda nxibelelana negosa lommandla ukuqondisisa ukuba zeziphi ezinye inzame zokuqinisekisa ezinokusetyenziswa. Nangona, iSebe lingqongqo kakhulu ekuqinisekiseni kwemveliso yokuqinisekisa uxwebhu lwenene ukushenxisa ubumenemene.
Ukuba isicelo seSazisi nesesiqinisekiso sesazisi sethutyana siyenziwa, iifoto ezintathu mazinikezelwe.
ezimbini zeSazisi enye yesiqinisekiso sesazisi sethutyana
UmPhathiswa wemiCimbi yezeKhaya uza kubhengeza ifomu yokubhalisa yethutyana elungiselela ubhaliso lwabavoti yaye okwangoku ayikabikho.
ISebe lemiCimbi yezeKhaya linezithathamifanekiso kumaqela ajikelezayo avumela ukuba iifoto mazithathwe simahla.
Imibuzo engaphaya ingadluliselwa ku: UmPhathi woNxibelelwano
Izikhalazo ngeenkonzo zeSebe lemiCimbi yezeKhaya mazibhaliswe kwinombolo yasimahla yonxibelelwano: 0800-601190.
ABACELI BOKUQALA ABAMIHLA YABO YOKUZALWA INGABHALISWANGA
Umceli omhla wakhe wokuzalwa ungabhaliswanga fanele -
Angenise iifoto ezifanayo ezimbini
angenise isiqinisekiso sokuzalwa ngohlobo lokuba sisiqinisekiso esivela eklinikhi okanye esibhedlele apho wazalelwa khona; okanye isiqinisekiso sesikolo esichaza usuku angene ngalo isivumelwano sendlu enegama lomceli iziqinisekiso ezivela kubaqeshi bangaphambili (ukuba bakho)
naluphina olunye uxwebhu olubonisa ukuba uzalelwe eMzantsi Afrika okanye ungummi
Ngosuku lokuvota siSazisi esinomQondiso kuphela esivumelekileyo. Kanti, kubantu abaphuncukene neZazisi zabo ngaphambi konyulo, isiqinisekiso sesazisi sethutyana bangasikhutshelwa kwixeshana leeyure ezingamashumi amabini anesine.
AMALUNGISELELO ESEBE
Ngaphandle kokunikwa kuka wonke -wonke kwimpembelelo yeSazisi, amalungiselelo enziwe kuwo onke amaphondo ukuqinisekisa ukuba abavoti abafanelekileyo benza izicelo zesazisi esinomqondiso.
Amaxesha e-ofisi ayandisiwe, ngokusekwe kwimfuno zephondo ngalinye.
Isitafu esongezelelweyo naso siqeshelwe ukuba simelane neemfuno ezandisiweyo zesazisi.
Kwizehlo apho kungekho zi -ofisi zemiCimbi yezeKhaya, amaqela ajikelezayo awongezelelweyo ayamiliselwa.
Amaqela ajikelezayo afumaneka kula maphondo alandelayo:
Ntshona Koloni
Mntla Koloni
Mntla-ntshona
Mpumalanga
Ukulungiselela ulwazi olongezelelweyo, izicelo zeenkonzo okanye iinkonzo ezizithandeleyo, abalawuli bommandla besebe kungadityanwa nabo.
Iinkcukacha zabalawuli bommandla zezi zilandelayo:
UMSEBENZI ONGAPHAMBILI
Abantu abaninzi benze izicelo zeZazisi kodwa ezi zazisi azikaphuthunywa ezi-ofisini zeSebe lemiCimbi yezeKhaya. Ezi Zazisi funeka ziphuthunywe ngokukhawuleza okudibene nokungxama. AbaPhathiswa bayacelwa bancedise ekuqhubekekiseni ukuzisasaza.
Abo bantu bangekazenzi izicelo zeZazisi ezinomQondiso funeka benze izicelo ngokukhawuleza okukhulu.
Umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesithandathu kunyanzelekile akhatshwe lilungu elifanelekileyo eliminyaka ilishumi ubudala kunaye oza kuthi amenzele isicelo sokubhalisela isicelo sokuzalwa mva. Umntu, ukongeza kulo naluphi na uxwebhu oluxhasayo uza kufuneka agcwalise ingxelo efungelweyo (ifomu B1 288) echaza iinkcukacha zokuzalwa.
Abantu abangaphezulu kweminyaka engamashumi amabini ananye bangazenzela ngokunokwabo izicelo zokubhalisela izicelo zokuzalwa mva.
Kwizehlo apho uxwebhu oluxhasayo lungafumaneki, umceli uza kubuzwa ligosa leSebe ukwenzela kuchazwe ubumi bakhe nomhla wokuzalwa ngaphandle kwamathandabuzo.
